13 “Abayi kusondela kum bandilungiselele okwababingeleli, bengayi kusondela nakwiminikelo yam engcwele okanye bangene kweyona ndawo yam ingcwele. Mabalithwale ihlazo lezenzo zabo ezimanyumnyezi.
14 Ke ndiza kubenza abaququzeleli bendlu kaThixo, benze yonke imisebenzi abayalelwe yona.
15 “Kodwa ababingeleli abangabaLevi omnombo kaZadoki, bona bathi banyaniseka emsebenzini wesibingelelo xeshikweni amaSirayeli ayekreqile, bona bangasondela babingelele phambi kwam, benze iminikelo yamanqatha negazi, itsho iNkosi uNdikhoyo.
16 Ngabo kuphela abaya kungena kweyona ndawo ingcwele; ngabo kuphela abaya kundilungiselela etafileni yam, babingelele phambi kwam, bawenze umsebenzi wam.
17 “Xa bengena emasangweni entendelezo ephakathi mabanxibe impahla yelinen; mabanganxibi impahla eyenziwe ngoboya ngexesha balungiselelayo kwinkundla engaphakathi okanye ngaphakathi endlwini kaThixo.
18 Baya kuthwala iiqhiya zelinen entloko, babhinqe ngaphantsi impahla yelinen, bangayinxibi impahla eya kubenza babile.
19 Xa bephumela kwinkundla engaphandle, apho kuhleli abantu, kufuneka bayikhulule impahla ebebelungiselela ngayo, bayishiye kumagumbi awodwa, baze banxibe enye, ukuze bangababeki esichengeni abantu ngempahla abayinxibileyo.