5 Wakuba lo mbhiyozo ujikeleze kubo bonke uYobi wayedla ngokubabiza abantwana bakhe ukuze abahlambulule. Wayevuka kusasa kakhulu, abenzele amadini atshiswayo ngabanye ngabanye. Kaloku uYobi wayesithi: “Mhlawumbi kusenokwenzeka ukuba abantwana bam bonile bamtshabhisa uThixo ezintliziyweni zabo.” Wayesenjenjalo ke uYobi ngayo yonke imihla yakhe.