40 uElasa wazala uSisamayi;
41 uSisamayi wazala uShalum; uShalum wazala uYekamiya; uYekamiya wazala uElishama.
42 Oonyana bakaKalebhi, umkhuluwa kaYerameli, nguMesha amazibulo akhe, obenguyise wabaseZifi, noonyana bakaMaresha, uyise kaHebron.
43 Oonyana bakaHebron nguKora, noTapuwa, noRekem, noShema.
44 UShema wazala uRaham, uyise kaYorkeham; uRekemwazala uShamayi.
45 Unyana kaShamayi nguMahon; uMahon nguyise wabaseBhete-tsure.
46 UEfa, ishweshwe likaKalebhi, wazala uHaran, noMotsa, noGazeze; uHaran wazala uGazeze.