44 UShema wazala uRaham, uyise kaYorkeham; uRekemwazala uShamayi.
45 Unyana kaShamayi nguMahon; uMahon nguyise wabaseBhete-tsure.
46 UEfa, ishweshwe likaKalebhi, wazala uHaran, noMotsa, noGazeze; uHaran wazala uGazeze.
47 Oonyana bakaYadayi nguRegem, noYotam noGeshan, noPelete, noEfa, noShahafe.
48 UMahaka, ishweshwe likaKalebhi, wazala uShebhere, noTir-hana;
49 wazala noShahafe, uyise wabaseMademana, noSheva uyise wabaseMakebhena, noyise wabaseGibheha; intombi kaKalebhi ibinguAkesa.
50 Ngabo aba oonyana bakaKalebhi: ngoonyana bakaHuri, amazibulo kaEfrata; uShobhali ozala amaKiriyatiyeharim; uSalima,