5 Kwabuya kwaliwa namaFilisti. UElihanan unyana kaYahire wambulala uLami, umzalwana kaGoliyati waseGati, oluthi lwentshuntshe yakhe lwalungangomthi wabaluki.
6 Kwabuya kwaliwa eGati. Kwakho ndoda iyingxilimbela, eminwe neenzwane zazingamashumi amabini anané; imithandathu sandleni sinye, zintandathu lunyaweni lunye; nayo ibizalwa nguRafa.
7 Yawangcikiva amaSirayeli; wayibulala uYonatan, unyana kaShimeha umkhuluwa kaDavide.
8 Abo bázalwa nguRafa eGati; bawa ngesandla sikaDavide, nangesandla sabakhonzi bakhe.