1 Wathi uDavide ukumkani kwibandla lonke, USolomon unyana wam, okuphela konyuliweyo nguThixo, mncinane, uthambile; ke umsebenzi mkhulu, ngokuba ibhotwe eli asilelomntu, lelikaYehova uThixo.
2 Ke, ngamandla am onke indlu kaThixo wam ndiyilungisele igolide yezinto zegolide, isilivere yezesilivere, ubhedu lwezobhedu, isinyithi sezesinyithi, imithi yezemithi, namatye ebherilo,* nafakwayo, namatye okuhombisa, naziimfakamfele, namatye onke anqabileyo, namatye emarmore* emhlophe, into eninzi.
3 Kananjalo ekubeni ilikholo kum indlu kaThixo wam, ndinenqobo yegolide nesilivere, endiyimisele indlu kaThixo wam, engaphandle kwayo yonke endiyilungisele indlu engcwele;
4 amawaka amathathu eetalente zegolide* yasegolideni yakwaOfire, amawaka asixhenxe eetalente zesilivere* ehluziweyo yokwaleka iindonga zezindlu;
5 ukuba ibe yeyezinto ngezinto zegolide, ibe yeyezinto ngezinto zesilivere, ibe yeyemisebenzi yonke yesandla seengcibi. Ngubani na ke oqhutywa yintliziyo ukuzimisela namhla kuYehova?
6 Banikela ke ngokuqhutywa yintliziyo abathetheli bezindlu zooyise, nabathetheli bezizwe zakwaSirayeli, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, nabathetheli bomsebenzi wokumkani.