14 Ke kaloku ukulinganiswa kwegolide, eyeza kuSolomon ngamnyaka mnye, kwaba ngamakhulu mathandathu anamanci mathandathu anesithandathu iitalente zegolide.
15 Iyodwa eyabarhwebi, neyentengiso yabathengisi, neyookumkani bonke bomxukuxela, neyamabamba elizwe.
16 Ukumkani uSolomon wênza amakhulu amabini amakhaka egolide engumkhando; zangamakhulu amathandathu iishekele* zegolide, awaleka ngazo khaka linye.
17 Wenza amakhulu amathathu eengweletshetshe zegolide engumkhando; zaba ntathu iimina* zegolide, awaleka ngazo ngweletshetshe-nye. Ukumkani wazibeka endlwini yehlathi laseLebhanon.
18 Ukumkani wenza itrone enkulu ngeempondo zeendlovu, wayaléka ngegolide engcwengiweyo.
19 Itrone leyo ibinezinyuko ezithandathu; itrone leyo ibinomphezulu oyinqila ngasemva. Kukho iingalo ngapha nangapha kwendawo yokuhlala; kumi iingonyama ezimbini ecaleni leengalo ezo.
20 Kumi iingonyama ezilishumi elinambini khona ezinyukweni ezithandathu, ngapha nangapha; akuzanga kwenziwe nto injalo ezikumkanini zonke.