18 Wathi uBhatshebha, Kulungile, ndokuthethelela kukumkani.
19 Waya ke uBhatshebha kukumkani uSolomon, ukuba athethe naye ngoAdoniya. Wesuka ukumkani waya kumkhawulela, waqubuda kuye, wahlala etroneni yakhe, wammisela itrone unina wokumkani, wahlala ke ngasekunene kwakhe.
20 Wathi, Ndicela nto-nye kuwe; ùze ungandilanduleli. Wathi ke ukumkani kuye, Cela, ma, ngokuba andiyi kukulandulela.
21 Wathi yena, UAbhishagi waseShunem makanikwe uAdoniya, umkhuluwa wakho, abe ngumkakhe.
22 Waphendula ukumkani uSolomon, wathi kunina, Yini na ukuba uAdoniya umcelele uAbhishagi waseShunem? Sewumcelela nobukumkani, ngokuba ungumkhuluwa wam; ucélele yena, noAbhiyatare umbingeleli, noYowabhi unyana kaTseruya.
23 Ukumkani uSolomon wafunga uYehova, wathi, Makenjenje uThixo kum, aqokele ukwenjenje, ukuba uAdoniya akalithethanga elo lizwi elahla umphefumlo wakhe.
24 Ngoko, ehleli nje uYehova, ondiqinisileyo, wandihlalisa etroneni kaDavide ubawo, wandenzela indlu njengoko wakuthetháyo, úya kubulawa namhlanje uAdoniya.