1 Ke kaloku uBhen-hadade, ukumkani wama-Aram,* wayibutha yonke impi yakhe; enokumkani abangamashumi amathathu anababini, namahashe, neenqwelo zokulwa; wenyuka, wawungqinga umzi wakwaSamari, walwa nawo.
2 Wathumela abathunywa kuAhabhi, ukumkani wakwaSirayeli, kuloo mzi, wathi kuye,
3 Utsho uBhenhadade ukuthi, Isilivere yakho negolide yakho yeyam, nabafazi bakho nabantwana bakho abo bahle ngabam.
4 Waphendula ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Ngokwelizwi lakho, nkosi yam, kumkani, ndingowakho, nako konke endinako.
5 Baphinda abathunywa, bathi, Utsho uBhen-hadade ukuthi, Ndathumela kuwe, ndisithi, ndinike isilivere yakho, negolide yakho, nabafazi bakho, nabantwana bakho;
6 ukuba ndithe, mayela neli xa ngomso, ndabathumela kuwe abakhonzi bam, bayigquthagqutha indlu yakho, nezindlu zabakhonzi bakho: bothi, konke okuthandekayo emehlweni akho bakuthabathe ngesandla sabo, bemke nako.
7 Ukumkani wakwaSirayeli wabiza onke amadoda amakhulu elizwe, wathi, Qondani ke nibone, ukuba lo ungxamele ububi; ngokuba ubethumele kum, ebiza abafazi bam, nabantwana bam, nesilivere yam, negolide yam; andamangala.