6 eneentsekelezane zobhedu emilenzeni, nomkhonto wobhedu phakathi kwamagxa ayo;
7 uluthi lwentshuntshe yayo belungangomthi wabaluki; intsimbi yentshuntshe yayo ibiziishekele ezimakhulu mathandathu esinyithi; kuhamba umphathi wekhaka phambi kwayo.
8 Yema, yamemeza kwizintlu zakwaSirayeli, yathi kuzo, Yini na ukuba niphume nakhe uluhlu lokulwa? Andinguye na umFilisti, nayé nina ningabakhonzi bakaSawule? Zikhetheleni indoda, ihle ize kum.
9 Ukuba ithe yanako ukulwa nam, yandibulala, soba ngabakhonzi kuni; ukuba ndithe ndayeyisa mna, ndayibulala, noba ngabakhonzi kuthi, nisikhonze.
10 Wathi umFilisti, Mna ndiyazingcikiva namhla izintlu zakwaSirayeli; ndikhupheleni indoda silwe sobabini.
11 OoSawule namaSirayeli onke baweva amazwi alo mFilisti, bathi qhiphu umbilini, boyika kunene.
12 Ke uDavide waye engunyana waloo mEfrata waseBhetelehem yakwaYuda, ugama linguYese, únyana basibhozo; ubeyindoda eyalupheleyo ngemihla kaSawule, emdala kakhulu phakathi kwamanye amadoda.