5 Wema uYehoshafati ebandleni lakwaYuda nelaseYerusalem, endlwini kaYehova, phambi kwentendelezo entsha, wathi, Yehova, Thixo woobawo, asinguwe na onguThixo emazulwini?
6 Asinguwe na umlawuli ezikumkanini zonke zeentlanga? Akasesandleni sakho na amandla nobugorha, ukuba kungabikho unokumelana nawe?
7 Asinguwe na uThixo wethu, owabagqogqayo abemi beli lizwe phambi kwabantu bakho amaSirayeli, waza walinika imbewu ka-Abraham okuthandayo, ngonaphakade?
8 Bahlala kulo, bakwakhela kulo indawo engcwele ngenxa yegama lakho, besithi,
9 Ukuba sithe safikelwa bububi, nalikrele, nangumgwebo, nayindyikitya yokufa, nayindlala, sema phambi kwale ndlu, naphambi kwakho (ngokuba likulé ndlu igama lakho), sakhala kuwe ekubandezelekeni kwethu, wòsiva usindise.
10 Yabona ke naba oonyana baka-Amon, nabakaMowabhi, nabasentabeni, yakwaSehire, owawungavumanga ukuba amaSirayeli abangenele ekuphumeni kwawo ezweni laseYiputa; ngokuba ábayeka, àkabatshabalalisa;
11 naba ke besibuyekeza ngokuza kusigxotha elifeni lakho, owasinikayo ukuba silidle.