1 Kwakugqitywa konke oko, aphuma onke amaSirayeli afumanekileyo khona, aya emizini yakwaYuda, aziqhekeza izimiso zamatye, abagawula ooAshera,* azidiliza izigánga nezibingelelo kulo lonke elakwaYuda, nelakwaBhenjamin, nelakwaEfrayim, nelakwaManase, kwada kwagqitywa. Babuya bonke oonyana bakaSirayeli, elowo waya elifeni lakhe, emizini yakowabo.
2 UHezekiya wawamisa amaqela ababingeleli nawabaLevi ngokwamaqela abo, elowo ngokomsebenzi wakhe, ababingeleli nabaLevi; wabamisela amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo, ukuba balungiselele, babulele, badumise emasangweni eminquba kaYehova.
3 Isabelo sabelo sokumkani sasempahleni yakhe saba sesamadini anyukayo, amadini anyukayo akusasa kwanawangokuhlwa, namadini anyukayo esabatha, nawokuthwasa kwenyanga, nawemithendeleko, ngoko kubhaliweyo emyalelweni kaYehova.
4 UHezekiya wathi kubantu, kubemi baseYerusalem, mabanike isabelo sababingeleli nabaLevi, ukuze babambelele emyalelweni kaYehova.
5 Lakuvakala elo lizwi, oonyana bakaSirayeli bazisa into eninzi yeziqhamo zokuqala zengqolowa, newayini, neoli, nobusi, nolibo lonke lwamasimi, bazisa kakhulu isishumi sezinto zonke.
6 Oonyana bakaSirayeli nabakaYuda, abahleliyo emizini yakwaYuda, nabo bazisa isishumi seenkomo, nesempahla emfutshane, nesishumi sezinto ezingcwele, ezibe zingcwaliselwe uYehova uThixo wabo, bazibeka iimfumba ngeemfumba.