7 Baqala ngenyanga yesithathu ukuzenza iimfumba, bagqiba ngenyanga yesixhenxe.
8 Beza ooHezekiya nabathetheli, bazibona iimfumba ezo, babulela kuYehova nakubantu bakhe amaSirayeli.
9 Wababuza uHezekiya ababingeleli nabaLevi ngeemfumba ezo.
10 Wathi uAzariya umbingeleli oyintloko, owendlu kaTsadoki, kuye, Kuseloko kwaqalwayo ukuziswa imirhumo endlwini kaYehova, sidé sahlutha, sashiya kakhulu; ngokuba uYehova ubasikelele abantu bakhe; le nto ingaka yeseleyo.
11 Wathi uHezekiya, Makulungiswe amagumbi endlwini kaYehova;
12 bazilungisa ke, bawungenisa umrhumo, nezishumi, nezinto ezingcwalisiweyo ngokukholekileyo.Umphathi wazo ibiyingànga uKonaniya umLevi, noShimehi umninawa wakhe, obengowesibini;
13 noYehiyeli, noAzaziya, noNahati, noAsaheli, noYerimoti, noYozabhadi, noEliyeli, noIsemakiya, noMahati, noBhenaya, bengabaveleli phantsi kwesandla sikaKonaniya noShimehi umninawa wakhe, ngommiselo kaHezekiya ukumkani, noAzariya ingànga yendlu kaThixo.