7 Bonke abantu abaseleyo kumaHeti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, ababe bengengabakwaSirayeli;
8 koonyana babo abasala emva kwabo ezweni, abo babengagqitywanga ngoonyana bakaSirayeli, uSolomon wabanyula ukuba bafakwe uviko, unanamhla.
9 Koonyana bakaSirayeli uSolomon akenzanga makhoboka omsebenzi wakhe; ngokuba babengamadoda okulwa, nabathetheli bakhe, nababusi bakhe, nabathetheli beenqwelo zakhe zokulwa, nabamahashe bakhe.
10 Abo bathetheli babengabongameli awayenabo ukumkani uSolomon; bebengamakhulu amabini anamanci mahlanu, ababenobukhosi ebantwini.
11 Ke kaloku uSolomon wayinyusa intombi kaFaro emzini kaDavide, wayisa endlwini abeyakhele; ngokuba ubesithi, Akayi kuhlala umfazi wam endlwini kaDavide, ukumkani wamaSirayeli; ngokuba kungcwele, apho kungené khona ityeya kaYehova.
12 Waza uSolomon wanyusa amadini anyukayo kuYehova esibingelelweni sikaYehova, abesakhele phambi kwevaranda;*
13 ukuba kunyuswe into yemini ngangemini yayo ngokomthetho kaMoses, ngeesabatha, nasekuthwaseni kwenyanga, nangamaxesha amisiweyo, izihlandlo ezithathu ngomnyaka, emthendelekweni wezonka ezingenagwele, nasemthendelekweni weeveki, nasemthendelekweni weminquba.