11 Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka kwizono zonke zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli; wasuka wahamba kuzo.
12 Ezinye izinto zikaYehohashe, nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe awalwa ngabo noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
13 Walala uYehohashe kooyise; uYarobheham wahlala etroneni yakhe. UYehohashe wangcwatyelwa kwaSamari, kookumkani bakwaSirayeli.
14 Ke kaloku uElisha wayesifa sisifo awayeza kufa siso. Wehla uYehohashe ukumkani wakwaSirayeli, waya kuye, walila phambi kwakhe, wathi, Bawo, bawo, nqwelo yokulwa yakwaSirayeli nabamahashe bakhe!
15 UElisha wathi kuye, Thabatha isaphetha neentolo. Wasithabatha ke isaphetha neentolo.
16 Wathi kukumkani wakwaSirayeli, Sityede isaphetha ngesandla sakho. Wasityeda ngesandla sakhe; uElisha wabeka ezakhe izandla ezandleni zokumkani, wathi,
17 Vula ifestile ngasempumalanga; wayivula. Wathi uElisha, Tola; watola. Wathi, Huntshu, utolo losindiso lukaYehova! Utolo losindiso oluchase ama-Aram! Ùya kutsho ngalo kuma-Aram eAfeki ade aphele.