3 Bathi, Kungani na, Yehova, Thixo kaSirayeli, ukuthi kuhle oku kwaSirayeli, ukuba esinye isizwe singabikho namhla kwaSirayeli?
4 Kwathi ngengomso, bavuka kusasa abantu, bakha isibingelelo khona, benyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo.
5 Bathi oonyana bakaSirayeli, Ngubani na ezizweni zonke zakwaSirayeli onganyukanga eze ebandleni kuYehova? Ngokuba ubefungelwe kakhulu onganyukanga eze kuYehova eMizpa, ngokuthi, Makabulawe afe.
6 Babezohlwaya oonyana bakaSirayeli ngenxa kaBhenjamin umninawa wabo, besithi, Namhla sínqanyulwe esinye isizwe kwaSirayeli;
7 sìya kubathini na abaseleyo ngabo abafazi, sifungé uYehova nje thina, ukuba asiyi kubanika ezintombini zethu zibe ngabafazi?
8 Bathi ke, Sisiphi na isizwe sakwaSirayeli esinganyukanga size kuYehova eMizpa? Nanko ke eYabheshe yaseGiliyadi kungezanga ndoda eminqubeni ebandleni.
9 Babàlwa abantu, nanko kungabangakho nanye indoda yabemi beYabheshe yaseGiliyadi khona.