12 Gcina umhla wesabatha, ukubu uwungcwalise, njengoko wakuwisela umthetho uYehova uThixo wakho.
13 Wòsebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho;
14 ke wona umhla wesixhenxe úyisabatha kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nenkomo yakho, ne-esile lakho, neento zakho zonke ezizitho ziné, nowasemzini osemasangweni akho, ukuze siphumle isicaka sakho nesicakakazi sakho, njengawe;
15 ukhumbule ukuba ube ulikhoboka ezweni laseYiputa, wakukhupha khona uYehova uThixo wakho ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo; ngenxa yoko úkuwisele umthetho uYehova uThixo wakho, ukuba uwugcine umhla wesabatha.
16 Beka uyihlo nonyoko, njengoko akuwisele umthetho uYehova uThixo wakho, ukuze yolulwe imihla yakho, nokuze kulúnge kuwe emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.
17 Uze ungabulali.
18 Uze ungakrexezi.