33 Wathi uMoses kuAron, Thabatha isitya sibe sinye, ugalele ihomere kuso sizale yimana, uyibeke phambi koYehova, igcinelwe izizukulwana zenu;
34 igcinwe njengoko uYehova wamwisela uMoses umthetho ngako. Wayibeka uAron phambi kwesingqino, ukuba igcinwe.
35 Bayidla oonyana bakaSirayeli imana iminyaka emashumi mané, bada bafika ezweni elimiweyo; bayidla imana bada bafika emdeni welizwe lakwaKanan.
36 Ke ihomere isisahlulo seshumi se-efa.*