21 Umphambukeli uze ungamxinzeleli phantsi, ungamxini; kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.
22 Yonke into engumhlolokazi nenkedama uze ungayicinezeli.
23 Ukuba ùthe wabacinezela nangayiphi na indlela, bakhala kum, ndokuva ukukhala kwabo;
24 uvuthe umsindo wam, ndinibulale ngekrele; babe ngabahlokokazi abafazi benu, babe ziinkedama abantwana benu.
25 Ukuba ùthe wababoleka imali abantu bam abaziintsizana abanawe, uze ungabi kubo njengomboleki-mali: uze ungababizi nzala.
26 Ukuba ummelwane wakho ubambise ngengubo yakhe kuwe, wòyibuyisela kuye, lingekatshoni ilanga;
27 kuba yona ikukuphela kwesigubungelo anaso, yingubo yakhe yomzimba wakhe; wólala ngantoni ke? Kothi, xa athe wakhala kum, ndive; kuba ndinenceba.