6 Uze ungàsijiki isigwebo sehlwempu lakho ekubambaneni kwalo nomnye.
7 Zikhwelelise kude entweni ebubuxoki; musa ukumbulala omsulwa nolilungisa: kuba andiyi kumgwebela ongendawo.
8 Uze ungàmkeli sicengo; kuba isicengo esi siyabamfamekisa ababonayo, siphenula imicimbi yamalungisa.
9 Uze ungàmxini umphambukeli; niyawazi nina umphefumlo womphambukeli, kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.
10 Wòwuhlwayela umhlaba wakho iminyaka emithandathu, ubuthe iziqhamo zawo;
11 ke ngowesixhenxe wowuyeka ulale, adle amahlwempu abantu bakowenu, okuseleyo kuwo kudliwe ziinyamakazi; wénjenjalo ngesidiliya sakho, nangesinquma sakho.
12 Wòwusebenza umsebenzi wakho imihla emithandathu, uphumle ngomhla wesixhenxe; iphumle inkomo yakho neesile lakho, akhe aphefumle unyana wesicakakazi sakho nomphambukeli.