9 Uze ungàmxini umphambukeli; niyawazi nina umphefumlo womphambukeli, kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.
10 Wòwuhlwayela umhlaba wakho iminyaka emithandathu, ubuthe iziqhamo zawo;
11 ke ngowesixhenxe wowuyeka ulale, adle amahlwempu abantu bakowenu, okuseleyo kuwo kudliwe ziinyamakazi; wénjenjalo ngesidiliya sakho, nangesinquma sakho.
12 Wòwusebenza umsebenzi wakho imihla emithandathu, uphumle ngomhla wesixhenxe; iphumle inkomo yakho neesile lakho, akhe aphefumle unyana wesicakakazi sakho nomphambukeli.
13 Zonke izinto endizithethileyo kuni, zigcineni; igama lathixo bambi uze ungalikhankanyi, lingaviwa emlonyeni wakho.
14 Wòndenzela umthendeleko kathathu ngomnyaka.
15 Umthendeleko wezonka ezingenagwele uze uwugcine, udle izonka ezingenagwele imihla esixhenxe, njengoko ndakuwiselayo umthetho, ngexesha elimisiweyo lenyanga enguAbhibhi; kuba waphuma ngayo eYiputa; makungabonakali bani phambi kwam engaphethe lutho;