42 Elo loba lidini elinyukayo lamaxesha onke kwizizukulwana zenu, emnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova, apho ndiya kuhlangana nani khona, ndithethe nawe.
43 Khona apho ndohlangana noonyana bakaSirayeli, bangcwaliswe ngobuqaqawuli bam;
44 ndiyingcwalise intente yokuhlangana nesibingelelo, noAron noonyana bakhe ndibangcwalise, babe ngababingeleli bam.
45 Ndohlala phakathi koonyana bakaSirayeli, ndibe nguThixo wabo;
46 bazi ukuba ndinguYehova uThixo wabo, owabakhuphayo ezweni laseYiputa, ukuba ndihlale phakathi kwabo: ndinguYehova uThixo wabo.