11 Wathi uYuda kuTamare, umolokazana wakhe, Hlala ungumhlolokazi endlwini kayihlo, ade akhule uShela, unyana wam; kuba wathi, Hleze afe naye, njengabakhuluwa bakhe. Wemka uTamare, waya kuhlala endlwini kayise.
12 Zakuba ninzi iintsuku, yafa intombi kaShuwa, umkaYuda. Akuthuthuzeleka uYuda, wenyuka waya kubachebi bempahla yakhe emfutshane, yena noHira, isihlobo sakhe saseAdulam, kwaTimna.
13 Waxelelwa uTamare kwathiwa, Nanko uyihlozala, enyuka esiya kucheba impahla yakhe emfutshane kwaTimna.
14 Wazisusa iingubo zobuhlolokazi bakhe, wazigqubuthela ngesigqubuthelo, wazithi wambu, wahlala phantsi esangweni le-Enayim, engasendleleni eya kwaTimna; kuba ubebona ukuba ukhulile uShela, àkasiwa noko kuye ukuba abe ngumkakhe.
15 UYuda wambona, waba ulihenyukazi, kuba ebegqubuthele ubuso.
16 Wathi gu bucala, waya kuye endleleni, wathi, Khawuze, ndikungene; kuba ubengazi ukuba ngumolokazana wakhe. Wathi, Wòndinika ntoni na, ukuze ndikuvumele ukuba undingene?
17 Wathi, Mna ndothumela ndithabathe itakane lebhokwe elisempahleni emfutshane. Wathi, Ewe, ukuba uthe wandinika isibambiso, ude ulithumele kum.