14 Wawa entanyeni kaBhenjamin, umninawa wakhe, walila; uBhenjamin walila entanyeni yakhe.
15 Wabanga bonke abazalwana bakhe, walila phezu kwabo. Emveni koko, abazalwana bakhe bathetha naye.
16 Lavakala izwi endlwini kaFaro, lisithi, Bafikile abazalwana bakaYosefu. Kwalunga oko emehlweni kaFaro, nasemehlweni abakhonzi bakhe.
17 Wathi uFaro kuYosefu, Yithi kubazalwana bakho, Yenzani oku: bophani amaqegu enu, nihambe niye ezweni lakwaKanan,
18 nithabathe uyihlo nezindlu zenu, nize kum apha. Ndoninika izinto ezilungileyo zelizwe laseYiputa, nidle ukutyeba kwelizwe.
19 Wena ke ùwiselwe umthetho, yenzani oku; bathabatheleni abantwana benu, nabafazi benu, iinqwelo ezweni laseYiputa, nithwale uyihlo, nize.
20 Iliso lenu malingabi nanceba empahleni yenu, kuba zonke izinto ezilungileyo zelizwe lonke laseYiputa zezenu.