16 Phuma emkhombeni, wena nomkakho, noonyana bakho, nabafazi boonyana bakho, ndawonye nawe.
17 Zonke izinto eziphilileyo ezikuwe, kwinyama yonke, ezintakeni, nasezintweni ezizitho ziné, nasezinambuzaneni zonke ezinambuzelayo emhlabeni, phuma nazo, zizalìse ihlabathi, ziqhame, zande ehlabathini.
18 Waphuma ke uNowa, noonyana bakhe, nomkakhe, nabafazi boonyana bakhe, ndawonye naye.
19 Zonke izinto eziphilileyo, zonke izinambuzane, neentaka zonke, iinto zonke ezinambuzelayo emhlabeni, ngeentlobo zazo, zaphuma emkhombeni.
20 UNowa wamakhela uYehova isibingelelo, wathabatha kwizinto zonke ezizitho ziné ezihlambulukileyo, nakwiintaka zonke ezihlambulukileyo, wanyusa amadini anyukayo esibingelelweni eso.
21 UThixo weva ivumba elithozamisayo, wathi uYehova entliziyweni yakhe, Andisayi kuphinda ndilitshabhise ihlabathi ngenxa yomntu, ngokuba ukuyila kwentliziyo yomntu kubi kwasebutsheni bakhe; andisayi kuphinda ndizibhubhise zonke izinto eziphilileyo, njengoko ndenzé ngako.
22 Kuthabathela apha, ngayo yonke imihla yehlabathi, akuyi kuphela ukuhlwayela nokuvuna, ukubanda nobushushu, ihlobo nobusika, imini nobusuku.