5 Amanzi amana ewutha, kwada kwayinyanga yeshumi; ngeyeshumi ke, ngosuku lokuqala enyangeni leyo, zabonakala iincopho zeentaba.
6 Kwathi, ekupheleni kwemihla emashumi mané, wayivula uNowa ifestile yomkhombe abeyenzile;
7 wathuma ihlungulu, laphuma lamana lizulazula, ada atsha amanzi ehlabathini.
8 Wasusa ihobe, ukuze abone ukuba amanzi awuthile na phezu kwehlabathi.
9 Ihobe alifumanaga ndawo yakuphumza nentende yethupha lalo, labuyela kuye emkhombeni, ngokuba amanzi abephezu kwehlabathi lonke; wolula isandla sakhe, walithabatha, walingenisa kuye emkhombeni.
10 Walinda eminye imihla esixhenxe, waphinda walisusa ihobe emkhombeni.
11 Leza kuye ihobe ngexesha langokuhlwa; nanko, kukho igqabi lomnquma elisandula ukukhiwa emlonyeni walo; wazi uNowa, ukuba ehlile amanzi ehlabathini.