2 Ndiya kuvuya ndidlamke ngawe;Ndiya kulibethela uhadi igama lakho,Wena usenyangweni.
3 Ekubuyeni kweentshaba zam umva,Ziyawa, zibhubhe ebusweni bakho.
4 Ngokuba ùlifezile ityala lam nebango lam;Ùhleli etroneni ungumgwebi olilungisa.
5 Ùzikhalimele iintlanga, wabatshabalalisa abangendawo;Igama lazo ùlicimile ngonaphakade kanaphakade.
6 Iintshaba zona zigqibele, yangamanxuwa kwaphela;Imizi ùyinyothule,Yadaka inkumbulo yayo yona.
7 Ke yena uYehova uhleli ngonaphakade,Uyizinzisele ugwebo itrone yakhe.
8 Úya kugweba yena kwelimiweyo ngobulungisa,Agwebe phakathi kwezizwe ngokuthe tye.