2 Kungába ngenxa yenyama yakhe ekufuphi kuye yodwa: unina noyise, nonyana wakhe, nentombi yakhe, nomzalwana wakhe.
3 Nodade wabo oseyintombi, leyo ikufuphi kuye, ingenandoda, angázenza inqambi ngenxa yayo.
4 Engumninimzi nje, makangazenzi inqambi phakathi kwabantu bakowabo, ukuba azihlambele.
5 Ize bangenzi mpandla entlokweni yabo, bangaliguyi icala leendevu zabo, bangayicenti inyama yabo.
6 Mababe ngcwele kuThixo wabo, bangalihlambeli igama loThixo wabo; kuba besondeza ukudla kwasemlilweni kukaYehova, ukudla koThixo wabo; mababe ngcwele.
7 Makangazeki mfazi ulihenyukazi, nohlanjelweyo; angazeki mfazi waliweyo yindoda yakhe; ngokuba ungcwele kuThixo wakhe.
8 Uze umngcwalise ke; kuba esondeza ukudla koThixo wakho; wóba ngcwele kuwe, ngokuba ndingcwele, mna Yehova uningcwalisayo.