21 Loo ntsimi yoba ngcwele kuYehova, ekuphumeni kwayo kuloo mntu ngomnyaka wentlokoma, njengentsimi eyahlulelwe ukuba ibe lilifa lombingeleli.
22 Ukuba úthe wangcwaliswa kuYehova intsimi yentengo yakhe, ingentsimi yelifa lakhe,
23 umbingeleli makambalele inani lokulinganisela kwakho, kuse emnyakeni wentlokoma, anike ukulinganisela kwakho ngaloo mhla, kube njengento engcwele kuYehova.
24 Ngomnyaka wentlokoma intsimi mayibuyele kulowo yathengwa kuye, kulowo belilelakhe ilifa lomhlaba.
25 Konke ukulinganisela kwakho makube ngeshekele* yengcwele; ishekele yoba ziigera* ezimashumi mabini.
26 Ngamazibulo odwa ezintweni ezizitho ziné, azítyulelwa kuYehova, angayi kungcwaliswa mntu, nokuba yinkomo, nokuba yimvu; ngakaYehova.
27 Ukuba ngawezinto ezizitho ziné eziziinqambi, makamiselwe ngokulinganisela kwakho, kongezwe isahlulo sesihlanu sayo kuko oko; ke ukuba athe akakhululwa ngentlawulelo, makuthengiswe ngawo ngokulinganisela kwakho.