8 Wowazisa kumbingeleli, asondeze eledini lesono kuqala, aliqhawule intloko ngasentanyeni, angalahluli kanye;
9 afefe ngenxalenye yegazi ledini lesono ecaleni lesibingelelo, eliseleyo igazi likhanyelwe esisekweni sesibingelelo.
10 Lidini lesono ke elo. Elesibini maze alenze idini elinyukayo ngokwesiko, umbingeleli amcamagushele ngesono sakhe oné ngaso; woxolelwa ke.
11 Ukuba ke isandla sakhe sithe asaba nakuwafumana amahobe amabini, nokuba ngamagobo evukuthu amabini, wozisa umsondezo wakhe lowo wonileyo, ube sisahlulo seshumi se-efa* yomgubo ocoliweyo, ube lidini lesono, angabeki oli phezu kwawo, angabeki ntlaka imhlophe phezu kwawo; kuba lidini lesono elo.
12 Wowuzisa kumbingeleli, umbingeleli asube kuwo, sizale isandla sakhe, aqhumisele ngesikhumbuzo salo esibingelelweni, phezu kokudla kwasemlilweni kukaYehova.
13 Lidini lesono ke elo. Umbingeleli womcamagushela ngesono sakhe oné ngaso, nangayiphi kwezo nto; woxolelwa ke. Oseleyo woba ngowombingeleli, njengomnikelo wokudla.
14 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,