6 ukufuna kunexesha lako, ukulahlekelwa kunexesha lako; ukugcina kunexesha lako, ukulahla kunexesha lako;
7 ukukrazula kunexesha lako, ukuthunga kunexesha lako; ukuthi cwaka kunexesha lako, ukuthetha kunexesha lako;
8 ukuthanda kunexesha lako, ukuthiya kunexesha lako; kukho ixesha lemfazwe, kukho nexesha loxolo.
9 Ùnalungelo lini na lowo usebenzayo, kuloo nto ayenzela imigudu?
10 Ndiwubonile umzamo, awuniké oonyana babantu uThixo, ukuba bawuzame.
11 Zonke izinto uzenzé zantle ngexesha lazo; kwanephakade ulinikele ezintliziyweni zabo ngohlobo lokuba umntu angasifumani isenzo asenzayo uThixo, athabathele ekuqaleni ade ase ekupheleni.
12 Ndiyazi ke ukuba akukho nto ilungileyo phakathi kwabo, ingekukuvuya nokuzizuzela okulungileyo ebomini babo.