17 Wafika ke kuye; nanko emi ngasedinini lakhe elinyukayo, nabathetheli bakwaMowabhi benaye; wathi uBhalaki kuye, Úthethé ntoni na uYehova?
18 Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,Suka ume, Bhalaki uve;Ndibekele indlebe, nyana kaTsipore.
19 UThixo akamntu ukuba athethe amanga,Akanyana waluntu ukuba azohlwaye.Etshilo nje yena, akayi kwenza na?Ethethile nje, akayi kufeza na?
20 Yabona, ndamkéle ukusikelela;Úsikelele, ke andinakukubuyisa.
21 Akaboni butshinga kuYakobi,Akaboni bubi kuSirayeli.UYehova uThixo wakhe unaye,Ukuduma kokumkani kuphakathi kwakhe.
22 UThixo umkhupha eYiputa;Amendu akhe anjengawenqu.
23 Akukho zihlabo ngoYakobi,Akukho kuvumisa ngoSirayeli.Ngexesha elililo, kuthethwa kuYakobi nakuSirayeliInto ayenzayo uThixo.