13 Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawabhadulisa entlango iminyaka emashumi mané, sada sagqitywa sonke isizukulwana, esaye senze ububi emehlweni kaYehova.
14 Nanku nisuke nema esikhundleni sooyihlo, nikukwanda kwamadoda awonayo, ukongeza ngakumbi ekuvutheni komsindo kaYehova kwaSirayeli.
15 Xa nithe nabuya ekumlandeleni, wophinda kanjalo abasalise entlango nibonákalise ke aba bantu bonke.
16 Basondela kuye bathi, Izibaya zempahla emfutshane siya kuzibiyela imfuyo yethu apha, imizi siyakhele usapho lwethu.
17 Ke thina siya kukhawuleza sixhobe, sihambe phambi koonyana bakaSirayeli, side sibasé endaweni yabo; usapho lwethu luhlale emizini enqatyisiweyo, ngenxa yabemi balo ilizwe.
18 Asiyi kubuyela ezindlwini zethu, bade oonyana bakaSirayeli balizuze ilifa, elowo ilifa lakhe.
19 Kuba asiyi kudla lifa nabo phesheya kweYordan nangaphaya, xa ilifa lethu silizuzé nganeno kweYordan ngasempumalanga.