33 UMoses wabanika oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen nesiqingatha sesizwe sakwaManase, unyana kaYosefu, ubukumkani bukaSihon ukumkani wama-Amori, nobukumkani bukaOgi ukumkani waseBhashan, ilizwe elo ngokwemizi yalo nemida yalo, imizi yelizwe elo ngeenxa zonke.
34 Bayakha oonyana bakaGadi iDibhon, neAtaroti, neArohere,
35 neAtaroti-shofan, neYazere, neYogebheba,
36 neBhete-nimra, neBhete-haran, imizi enqatyisiweyo, nezibaya zempahla emfutshane.
37 Oonyana bakaRubhen bayakha iHeshbhon, ne-Elale, neKiriyatayim,
38 neNebho, neBhahali-mehon (iguqulwe amagama ayo), neSibhema; bayibiza ngamagama wambi imizi abayakháyo.
39 Baya oonyana bakaMakire, unyana kaManase, eGiliyadi; bayithimba, bawagqogqa ama-Amori abekuyo.