3 UYuda uye ekuthinjweni, ephuma ezintsizini nasezinkonzweni ezininzi;Yena uhleli ezintlangeni, akafumani kuphumla;Bonke abamsukelayo bamfikele ezingxingongweni.
4 Iindlela zaseZiyon zenza isijwili, ngokungabikho kwabayà emithendelekweni;Onke amasango ayo akanamntu, ababingeleli bayo bayancwina;Iintombi zayo zinosizi, yona ke kukrakra kuyo.
5 Ababandezeli bayo basuka bayintloko; iintshaba zayo zinobunqobo;Ngokuba uYehova uyenzé yanosizi ngenxa yokreqo lwayo oluninzi;Abantwana bayo bemkile, bathinjiwe, baqhutywa ngumbandezeli.
6 Buphumile entombini enguZiyon bonke ubungangamsha bayo;Abathetheli bayo baba njengamaxhama angafumani dlelo,Ahamba engenamandla phambi komsukeli.
7 IYerusalem iyazikhumbula, ngemini yeentsizi zayo neyokudinga kwayo,Zonke izinto zayo ezinqwenelekayo ebinazo kwakwiimini zamandulo,Ekuweni kwabantu bayo esandleni sombandezeli, ingenamncedi;Ababandezeli bayo báyibona, bakúhleka ukucinywa kwayo.
8 IYerusalem asikuko nokuba yonile yona; ngenxa yoko yaba lubhorha;Bonke ababeyizukisa bayayicukuceza, ngokuba baboné ubuzé bayo;Nayo ngokwayo iyancwina, ibuye umva.
9 Ubunqambi bayo busezingutyeni zayo ezirhuqayo, ayilikhumbulelanga ikamva layo;Yehla ke ngokubalulekileyo; ayinamthuthuzeli;Ithi, Zikhangele, Yehova, iintsizi zam; ngokuba utshaba luzikhulisile.