36 Ekuphenulweni komntu ekubambaneni kwakhe nomnye: iNkosi yam ayiboni na?
37 Ngubani na okhe wathetha, kwenzeka, iNkosi yam ingawisanga mthetho?
38 Akuphumi okubi nokulungileyo emlonyeni wOsenyangweni na?
39 Yini na ukuba umntu akhalaze ephilile?Umfo makakhalaze ngenxa yezono zakhe.
40 Masiziphengulule iindlela zethu, sizigocagoce, sibuyele kuYehova.
41 Masizinyuse iintliziyo zethu kunye nezandla zethu, sizisé kuThixo emazulwini.
42 Thina sikreqile saba neenkani; wena akuxolelanga.