3 Kosuka kume ukumkani oligorha alawule ngolawulo olukhulu, enze ngokukholeka kuye.
4 Buya kuthi, xa athe wesuka wema, buqhekezwe ubukumkani bakhe, bahlulelwe emimoyeni yominé yasezulwini, bungabi bobempunde yakhe, bungabi njengolawulo lwakhe abelawula ngalo; kuba buya kunyothulwa ubukumkani bakhe, bube bobabambi, bungabi bobayo.
5 Ke úya komelela ukumkani wasezantsi; omnye kubathetheli bakhe omelele ngaphezu kwakhe, alawule; lube lulawulo olukhulu ulawulo lwakhe.
6 Bodibana ekupheleni kweminyaka; ithi intombi yokumkani wasezantsi ingene kukumkani wasentla, ukuba balungisane. Ke iya kuwa ingalo yayo; angemi yena, nengalo yakhe iwe; inikelwe yona, nababeyingenisile, nowayizalayo, nowayomelezayo ngaloo maxesha.
7 Kophuma ke ehlumelweni leengcambu zayo omnye osendaweni yakhe; aye empini, aye ezinqabeni zokumkani wasentla, azenze ngendawo, eyise.
8 Wothimba, azisé eYiputa noothixo babo, kunye nemifanekiso yabo etyhidiweyo, kunye neempahla zabo ezinqwenelekayo, isilivere negolide; amise yena iminyaka phambi kokumkani wasentla.
9 Wongena ebukumkanini bokumkani wasezantsi, abuyele emhlabeni wakhe.