6 Kwathi, akuyiwisela umthetho indoda eyambethe ilinen emhlophe, esithi, Thabatha umlilo phakathi kweevili ezijikelezayo, phakathi kweekerubhi, yasuka yangena yema ecaleni kweevili.
7 Ibe isuka ke ikerubhi, isolule isandla sayo phakathi kweekerubhi, isise emlilweni ophakathi kweekerubhi, iwuthabathe, iwunikele esandleni sowambethe ilinen emhlophe; ebewuthabatha ke aphume.
8 Kwabonakala ke ezikerubhini into efana nesandla somntu, phantsi kwamaphiko azo.
9 Ndabona, nanzo iivili eziné zisecaleni leekerubhi, ivili enye isecaleni lekerubhi enye, ivili enye isecaleni lekerubhi enye, ukubonakala kweevili ngathi yimbonakalo yelitye lekrizolite.*
10 Ngokubonakala kwazo zoné bezimfani-nye, kwanga kukho ivili ngaphakathi kwevili.
11 Ekuhambeni kwazo zahamba zaya kumacala azo omané; àzajikeleza ekuhambeni kwazo; ngokuba apho sukuba leyo iphambili ibe ibheka khona, zibe ziyilandela, zingajikelezi ekuhambeni kwazo.
12 Ke umzimba wazo wonke, nomhlana wazo, nezandla zazo, namaphiko azo, neevili, zibe zizele ngamehlo ngeenxa zonke; zoné bezineevili zazo.