39 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nina ke, ndlu kaSirayeli, hambani, nikhonze elowo isigodo sakhe; kodwa emveni koko, inyaniso, niya kundiphulaphula, ningabi salihlambela igama lam elingcwele ngezipho zenu nangezigodo zenu.
40 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Entabeni yam engcwele, entabeni ende yakwaSirayeli, khona apho iya kundikhonza yonke indlu yakwaSirayeli, yonke iphela ezweni; khona apho baya kuba likholo kum; khona apho ndiya kubiza imirhumo yenu neentlahlela yezipho zenu, entweni yenu yonke eniyingcwalisayo.
41 Niya kuba likholo kum ninevumba elithozamisayo, ekunikhupheni kwam ezizweni; ndinibuthe emazweni enaphangalaliswa kuwo, ndizingcwalisele kuni emehlweni eentlanga;
42 názi ukuba ndinguYehova, ekuniseni kwam emhlabeni wakwaSirayeli, ezweni endasiphakamisela isandla sam sokuba ndilinike ooyihlo,
43 Niya kuzikhumbula khona iindlela zenu neentlondi zenu zonke, enazenza iinqambi ngazo; nizikruqukele ngokwenu ngenxa yazo zonke izinto ezimbi enizenzileyo;
44 názi ukuba ndinguYehova, ekuniphatheni kwam ngenxa yegama lam, kungekhona ngokweendlela zenu ezimbi, nangokweentlondi zenu ezibolileyo, ndlu kaSirayeli; itsho iNkosi uYehova.
45 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,