13 Ndiya kuzitshabalalisa zonke iinkomo zayo, zimke emanzini amakhulu, lungabi sawagxobha unyawo lomntu, namanqina eenkomo angawagxobhi.
14 Oko ndiya kuwawuthisa amanzi ayo, nemilambo yayo, ndiyihambise ngokweoli; itsho iNkosi uYehova.
15 Ndakùlenza kube senkangala ilizwe laseYiputa, lenziwe ke kube senkangala ilizwe, lingabi nayo inzaliseko yalo, ekubaxabeleni kwam bonke abemi balo: baya kwazi ukuba ndinguYehova.
16 Siso esi isimbonono; siya kuvunywa ngokwesimbonono; iintombi zeentlanga ziya kuyivuma ngokwesimbonono; ngeYiputa nangengxokolo yayo yonke, ziya kuyivuma ngokwesimbonono; itsho iNkosi uYehova.
17 Ke kaloku kwathi ngomnyaka weshumi elinesibini, ngolweshumi elinesihlanu enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
18 Nyana womntu, yenza isimema ngengxokolo yaseYiputa, uyihlisele, yona nentombi yeentlanga eziziingangamsha, ezweni langaphandle, nabahlé baya emhadini.
19 Ùdlule bani na ngobuhle bakho? Yihla, ulale kwabangalukileyo.