15 Ke bona ababingeleli abaLevi, oonyana bakaTsadoki, abasigcináyo isigxina sengcwele yam, ekundwendweni koonyana bakaSirayeli kum, bosondela bona kum, ukuba bandilungiselele, beme phambi kwam, ukuba basondeze kum inqatha negazi; itsho iNkosi uYehova.
16 Bongena bona engcweleni yam, basondele bona esithebeni sam, ukuba bandilungiselele, bagcine isigxina sam.
17 Kothi, ekungeneni kwabo ngamasango entendelezo ephakathi, bambathe iingubo zelinen; kungabikho nto yoboya kubo ekulungiseleleni kwabo emasangweni entendelezo ephakathi, naxa bakuyo indlu.
18 Zoba ziinkontsho zelinen ezintlokweni zabo, ibe ziibhulukhwe zelinen ezinqeni zabo; abayi kubhinqa, bazibilise.
19 Bothi, ekuphumeni kwabo, besinga entendelezweni engaphandle, entendelezweni engaphandle besiya ebantwini, bazihlube iingubo zabo ababelungiselela benazo, bezibeke emagumbini angcwele, bambathe ngubo zimbi, bangàbangcwalisi abantu ngeengubo zabo.
20 Mabangazichebi iintloko, bangaziyeki iinwele zabo zibe ngamayakayaka; bozinquthula iintloko.
21 Mabangaseli wayini bonke ababingeleli ekungeneni kwabo entendelezweni ephakathi.