26 Bombalela imihla esixhenxe emva kokuhlanjululwa kwakhe.
27 Ngomhla ke wokungena kwakhe engcweleni, entendelezweni ephakathi, ukuze alungiselele engcweleni, wosondeza idini lakhe lesono; itsho iNkosi uYehova.
28 Oko koba lilifa labo, ibe ndim ilifa labo; ningabaniki nzuzo kwaSirayeli; ndim inzuzo yabo.
29 Umnikelo wokudla, nedini lesono, nedini letyala, bodla ezo zinto bona; zonke izinto ezisingelwe phantsi kwaSirayeli ziya kuba zezabo.
30 Iingqalo zeentlahlela zonke ezintweni zonke, nemirhumo yonke yeento zonke, kwimirhumo yenu yonke, yoba yeyababingeleli; nengqalo yomgrayo wenu noyinika umbingeleli, ukuze ahlise intsikelelo phezu kwendlu yakho.
31 Ababingeleli abayi kudla nto izifeleyo neqwengiweyo, nokuba kusezintakeni, nokuba kusezinkomeni.