7 ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela etroneni kaDavide, nasebukumkanini bakhe, ukuba bumìswe buxhàswe ngokusesikweni nangobulungisa, kususela koko kude kuse ephakadeni. Ikhwele likaYehova wemikhosi liya kukwenza oko.
8 INkosi ithumela ilizwi kwaYakobi, liwa ke kwaSirayeli.
9 Bonke ke abantu bephela baya kwazi, amaEfrayim nabemi belakwaSamari: ábathi ngekratshi nangobukhulu bentliziyo,
10 Izitena ziwile, siya kwakha ngamatye aqingqiweyo; imithombe ixakaxiwe, siya kuyimisela ngemisedare.*
11 UYehova ubaphakamisile ababandezeli bakaRetsin phezu kwakhe, uzixhoxhile iintshaba zakhe.
12 Ama-Aram* ngasempumalanga, namaFilisti ngasentshonalanga, awadlile amaSirayeli ngomlomo wonke. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; isandla sakhe sisolukile.
13 Aba bantu ke àbabuyeli kulowo ubabethileyo; àbamngxamele uYehova wemikhosi.