20 okaSalayi inguKalayi; oka-Amoki inguEbhere;
21 okaHilekiya inguHashabhiya; okaYedaya inguNataniyeli.
22 Malunga nabaLevi, ngemihla kaEliyashibhi, noYoyada, noYohanan, noYaduwa, kwabhalwa iintloko zezindlu zooyise; nezababingeleli, ebukumkanini bukaDariyo umPersi.
23 Oonyana bakaLevi, iintloko zezindlu zooyise, babebhalwa encwadini yemicimbi yemihla, kwada kweza nasemihleni kaYohanan unyana kaEliyashibhi.
24 Ke iintloko zabaLevi: ibinguHashabhiya, noSherebhiya, noYeshuwa unyana kaKademiyeli, nabazalwana babo malungana nabo, ukuba badumise, babulele, ngokomthetho kaDavide umfo wakwaThixo, iqela lilunge neqela; inguMataniya, noBhakebhukiya, no-Obhadiya.
25 OoMeshulam, noTalemon, noAkubhi babengabamasango, begcina isigxina koovimba bamasango.
26 Abo babekho emihleni kaYoyakim unyana kaYeshuwa, unyana kaYotsadaki, nasemihleni kaNehemiya ibamba, noEzra umbingeleli, umbhali.