62 oonyana bakaDelaya, oonyana bakaTobhiya, oonyana bakaNekoda, babengamakhulu omathandathu, anamanci mané anababini.
63 Ke kubabingeleli: oonyana bakaHabhaya, oonyana bakaHakotse, oonyana bakaBharzilayi, owazeka umfazi ezintombini zikaBharzilayi waseGiliyadi, wabizwa ngegama lazo:
64 abo bakúfuna ukubhalwa kwabo kwababhalelwáyo emilibeni yokuzalwa, abakufumana; bangcola ke, ababa sebubingelelini.
65 Irhuluneli yathi kubo, mabangadli nto kwezingcwele kanye, kude kuvele umbingeleli oneeUrim neeTumim.*
66 Lonke ibandla lindawonye ibe ingamawaka angamashumi amané anamabini, anamakhulu mathathu, anamanci mathandathu;
67 zizodwa izicaka zabo ezi nezicakakazi zabo ezi, zingamawaka asixhenxe, anamakhulu amathathu, anamanci mathathu anesixhenxe; zineemvumi neemvumikazi ezingamakhulu amabini, anamanci mané anantlanu.
68 Amahashe abo ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu anamathandathu; oondlebende babo ibingamakhulu amabini, anamanci mané anabahlanu;