6 Namaesile asendle emi eluqayini, esezela umoya njengeempungutye; ayaphela amehlo awo, ngokuba kungekho mifuno.
7 Ukuba ubugwenxa bethu bungqina ngathi, Yehova, yenza ngenxa yegama lakho; ngokuba kuninzi ukuphamba kwethu; sonile kuwe.
8 Themba likaSirayeli, Msindisi wakhe ngexesha lembandezelo, yini na ukuba ube njengomphambukeli kweli lizwe, ube njengomhambi olalise okobusuku obunye?
9 Yini na ukuba ube njengendoda esuke yathi nka, ube njengegorha elingenakusindisa; kanti uphakathi kwethu, Yehova, negama lakho sibizwe ngalo. Musa ukusiyekela.
10 Utsho uYehova kwaba bantu, ukuthi, Benjénje ukuthanda ukubhadula; iinyawo zabo abazinqandanga; uYehova akakholiswa ngabo; kungoku uya kubukhumbula ubugwenxa babo, azivelele izono zabo.
11 Wathi uYehova kum, Musa ukubathandazela aba bantu, ukuba kulunge kubo.
12 Xa bazila ukudla, andiyi kukuphulaphula ukuhlahlamba kwabo; naxa banyusa amadini anyukayo neminikelo yokudla, andiyi kukholiswa ngawo; ke ndiya kubaphelisa ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa.