10 Ndakúbhala ke encwadini, ndayitywina, ndangqinisa amangqina, ndayilinganisela imali ngesikali.*
11 Ndayithabatha ke incwadi yentengo, leyo itywiniweyo inomthetho nemimiselo, naleyo ivulekileyo;
12 ndayinikela incwadi yentengo kuBharuki unyana kaNeriya, unyana kaMaseya, emehlweni kaHanameli okabawokazi, nasemehlweni amangqina lawo abhalileyo encwadini yentengo, nasemehlweni amaYuda onke abehleli entendelezweni yentolongo.
13 Ndamwisela uBharuki umthetho emehlweni abo, ndisithi,
14 Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Thabatha ezi ncwadi, incwadi yentengo le itywiniweyo, nencwadi le ivulekileyo, uzibeke esityeni somdongwe, ukuze zihlale imihla emininzi.
15 Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Kuya kubuya kuthengwe izindlu, namasimi, nezidiliya, kweli lizwe.
16 Ndathandaza kuYehova emveni kokuyinikela kwam incwadi yentengo kuBharuki unyana kaNeriya, ndathi,