2 Oko ke impi yokumkani waseBhabheli ibiyingqingile iYerusalem, uYeremiya umprofeti evalelwe ente ndelezweni yentolongo, yendlu yokumkani wakwaYuda.
3 Kuba ebevalelwe kuyo nguZedekiya ukumkani wakwaYuda, esithi, Yini na ukuba uthi ukuprofeta kwakho, Útsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni sokumkani waseBhabheli, ukuba awuthimbe;
4 angàsindi esandleni samaKaledi uZedekiya ukumkani wakwaYuda; úya kunikelwa okunene esandleni sokumkani waseBhabheli; umlomo wakhe uthèthe nomlomo wakhe, amehlo akhe abone amehlo akhe;
5 amse uZedekiya eBhabheli, abe khona ndide ndimvelele, utsho uYehova; xa nithe nalwa namaKaledi, aniyi kuba nampumelelo.
6 Wathi uYeremiya, Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
7 Yabona, uHanameli, unyana kaShalum uyihlokazi, uza kuwe, esithi, Yithenge intsimi yam eseAnatoti; ngokuba kulunge nawe ukuyithenga uyikhulule ngentlawulelo.
8 Weza ke kum entendelezweni yentolongo uHanameli, unyana kabawokazi, ngokwelizwi likaYehova, wathi kum, Khawuyithenge intsimi yam eseAnatoti, esezweni lakwaBhenjamin; ngokuba lilunge nawe ilifa, kokwakho ukuyikhulula ngokumisela; zithengele. Ndazi ke ukuba lilizwi likaYehova elo.