16 Ngaloo mihla lona liya kusindiswa elakwaYuda, ihlale ikholosile iYerusalem, ukubizwa kwayo kuthiwe, UYehova-ububulungisa-bethu.
17 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, UDavide akayi kunqunyukelwa ndoda yakuhlala etroneni yendlu kaSirayeli;
18 bangànqunyukelwa ndoda ababingeleli abangabaLevi, yakunyusa amadini anyukayo ebusweni bam, iqhumisele ngeminikelo yokudla, yenze imibingelelo imihla yonke.
19 Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,
20 Utsho uYehova ukuthi, Ukuba nithe nawaphula umnqophiso wam wemini, nomnqophiso wam wobusuku, ukuze kungabikho mini nabusuku ngexesha elililo:
21 wóba uya kwaphulwa nawo umnqophiso wam noDavide umkhonzi wam, ukuba angabi nanyana ungukumkani etroneni yakhe; kwanabaLevi ababingeleli, abalungiselela mna.
22 Njengokuba úngenakubalwa umkhosi wezulu, ingenakulinganiselwa intlabathi yolwandle, ndiya kwenjenjalo ukuyandisa imbewu yomkhonzi wam uDavide, nabaLevi abalungiselela mna.