6 Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya umprofeti, lisithi,
7 Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yitshoni kukumkani wakwaYuda, onithume ukuza kubuzisa kum, ukuthi, Yabonani, impi kaFaro ephume isiza ukuninceda, iya kubuyela zweni layo eYiputa;
8 abuye ke amaKaledi, alwe naló mzi, awuthimbe, awutshise ngomlilo.
9 Utsho uYehova ukuthi, Musani ukuzikhohlisa ngokwenu, nisithi, Aya kumka kanye kuthi amaKaledi; ngokuba akayi kumka.
10 Inene, nibe ningafanelana niyixabele impi yonke yamaKaledi alwayo nani, kwasala kuyo amadoda aziingxwelera; abeya kuvuka elowo ententeni yakhe, awutshise lo mzi ngomlilo.
11 Kwathi, ekumkeni kwempi yamaKaledi eYerusalem ngenxa yempi kaFaro,
12 waphuma uYeremiya eYerusalem, esiya ezweni lakwaBhenjamin, ukuba athabathe khona isahlulelo sakhe phakathi kwabantu.